19 Bakuba ngoko begweqile izitadiya* ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika.
20 Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.
21 Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.
22 Ngengomso indimbane leyo, ìbimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemké bodwa abafundi bakhe;
23 nokuba kuzé eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi:
24 xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu.
25 Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi,* ufike nini na apha?