4 Yaye ke ikufuphi ipasika,* umthendeleko wamaYuda.
5 Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?
6 Úbesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza.
7 UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo* ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.
8 Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros,
9 Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?
10 Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.