5 Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?
6 Úbesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza.
7 UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo* ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.
8 Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros,
9 Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?
10 Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.
11 Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi bábela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.