12 Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.
13 Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.
14 Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.
15 Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye.
16 Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo.
17 Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene.
18 Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.