8 Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni.
9 Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi.
10 Ephakamile ke uYesu, àkabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na?
11 Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.
12 Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.
13 Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.
14 Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.