7 Hayi kambe ukoyikeka kweso sizwe!Zizinto ezenza unothanda;ewe, aphuhlisa isidima sawo.
8 Ziintw' ezimahashe ashiy' ihlosi;oyikeka ngaphezu kweengcuka zamarhatya.Iinkweli-mahashe zawo zifunz' emsini;ewe, ngabafo abaphuma ekudeni.Ziintw' ezirhiwula ngathi lukhozi,
9 zifike zizele lugonyamelo;izinto ezizilahlela mpela kwinjongo yazo,ziqokelel' intimbo ngathi yintlabathi.
10 Iikumkani ahlekisa ngazo;bona abalawuli ayabagcolodela.Ke zona iinqaba awazazele nto;enza iinduli zokuhlasela azithimbe.
11 Asisitshu esigqotsa njengomoya;ngoonomatyala abanqula amandla abo.”
12 Akunguye na owamandulo, *Ndikhoyo,Thixo wam, wena Yedwa wam?Ke thina asiyi kufa.Ndikhoyo, amaKaledi uwamisele ukuze usigwebe ngawo;Ngxondorha yam, wena uwabekele ukusohlwaya ngawo.
13 Kaloku amehlo akho amsulwa,akangede ajongane nobubi,ungenako nokunyamezela ubugwenxa.Ngani ukuba ubabukele abakreqi?Kutheni wathi cwaka xa kunje,xa izikhohlakali ziginya abantu abangamalungisa kunazo?