9 zifike zizele lugonyamelo;izinto ezizilahlela mpela kwinjongo yazo,ziqokelel' intimbo ngathi yintlabathi.
10 Iikumkani ahlekisa ngazo;bona abalawuli ayabagcolodela.Ke zona iinqaba awazazele nto;enza iinduli zokuhlasela azithimbe.
11 Asisitshu esigqotsa njengomoya;ngoonomatyala abanqula amandla abo.”
12 Akunguye na owamandulo, *Ndikhoyo,Thixo wam, wena Yedwa wam?Ke thina asiyi kufa.Ndikhoyo, amaKaledi uwamisele ukuze usigwebe ngawo;Ngxondorha yam, wena uwabekele ukusohlwaya ngawo.
13 Kaloku amehlo akho amsulwa,akangede ajongane nobubi,ungenako nokunyamezela ubugwenxa.Ngani ukuba ubabukele abakreqi?Kutheni wathi cwaka xa kunje,xa izikhohlakali ziginya abantu abangamalungisa kunazo?
14 Kutheni abantu ubafanisa neentlanzi?Ngani kuwe babe njengezinambuzane ezingenamlawuli?
15 Kaloku xa bebonke amaKalediOkanye “amaBhabheli” abatsala ngehaki;ewe, ababambisa ngomnatha.Nango ebaqokelela ebarhuqa,nto leyo iwavuyisa ngochulumacho.