Uhagayi 2 XHO96

Ubunewu-newu bendlu entsha kaNdikhoyo

1 Ngomhla wamashumi amabini ananye ngenyanga yesixhenxe ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi:

2 “Thetha kunyana kaShelatiyeli uZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, nakunyana kaYozadaki uYeshuwa umbingeleli omkhulu, nasebantwini bonke abaseleyo, uthi:

3 ‘Ngubani na kuni osaseleyo owabubonayo ubunewu-newu bale ndlu mandulo? Ngoku ikhangeleka njani kuni? Xa niyithelekisa naleya ayikhangeleki ingeyonto?

4 Kodwa ke yomelela, Zerubhabheli,’ utsho uNdikhoyo. ‘Yomelela, mbingeleli omkhulu Yeshuwa, nyana kaYozadaki. Kaloku mna ndinani,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

5 ‘Ekuphumeni kwenu eJiputa ndanqophisa ukuba ndiya kuhlala ndinani. Ke uMoya wam usenani; musani ukoyika.’

6 “Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Kungekudalanje, ngaso isihlandlo esinye, ndiya kunyikimisa izulu nehlabathi, ndigungqise ulwandle nomhlaba owomileyo.

7 Ndiya kuziphithizelisa zonke izizwe, ubutyebi bazo buziswe apha, le ndlu yam ndiyizalise ngesihomo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

8 ‘Isiliva yeyam; kanti negolide yeyam,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

9 ‘Indlu entsha yoba nesihomo esingaphezulu kunesihomo saleya indlu yangaphambili,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ukanti ke kuyo le ndawo ndiya kunika uxolo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”

Umshumayeli uthetha nababingeleli

10 Ngosuku lwamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba ngonyaka wesibini wokulawula kukaDariyo ilizwi likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi:

11 “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buza ababingeleli ukuba umthetho uthini na.

12 Ukuba umntu uphethe inyama ehlambulukileyo ngesondo lengubo yakhe, ngaba ke xa isondo laloo ngubo yakhe lirhece nokuba sisonka, ukutya okuphekiweyo, iwayini, amafutha omnquma, okanye nakuphi na ukutya, ngaba elo sondo likwenza kuhlambuluke oko kutya?’ ”Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!”

13 Ke uHagayi wathi: “Ukuba umntu *unomlaza kukuphatha isidumbu, ngaba xa echukumise ukutya nako kutsho kube nomlaza?”Ababingeleli baphendula bathi: “Ewe, kuba nomlaza.”

14 Ke uHagayi waphendula wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ekuboneni kwam bakwanjalo aba bantu kwakunye nolu hlanga. Ewe, unjalo wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abanikela ngayo khona apho inomlaza.’ ”

UNdikhoyo uthembisa ngentsikelelo

15 “ ‘Ke ngoku kugqaleni okwakusenzeka kwimihla edlulileyo xa beningekaqalisi ukubeka ilitye phezu kwelitye nisakha indlu kaNdikhoyo.

16 Kaloku benisiya kwisitha sengqolowa nilindele isivuno esingamashumi amabini, nisuke nizuze ishumi elinye kuphela. Benisiya esixovululweni sewayini nilindele ukuzuza imilinganiselo emashumi mahlanu, kodwa nizuze amashumi amabini kuphela.

17 Wonke umsebenzi wezandla zenu ndawubetha ngerusi, nesihumba, nesichotho, kodwa noko akubangakho namnye kuni ubuyela kum,’ utsho uNdikhoyo.

18 ‘Gqalani ke ukususela namhlanje kulo mhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba, suku olo zigqitywe ngalo iziseko zendlu kaThixo. Ze niqwalasele ke niyibone into eza kwenzeka.

19 Ngaba isekho imbewu eseleyo koovimba? Kude kube ngoku izidiliya zenu, namakhiwane enu, ngokunjalo nemirharnati kunye neminquma yenu, ibingathwali ziqhamo, kodwa ke ukusukela namhlanje ndiza kunithamsanqela.’ ”

UNdikhoyo uthembisa uZerubhabheli

20 Ilizwi *likaNdikhoyo laphinda lafika kuHagayi isihlandlo sesibini ngosuku lwamashumi amabini anesine lwaloo nyanga, lisithi:

21 “Thetha kuZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, uthi: ‘Ndiza kulinyikimisa izulu nehlabathi,

22 ndibakhiqe ookumkani kwizihlalo zabo, ndiwaphelise amagunya ezikumkani zeentlanga, ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nababhexeshi bazo, kuwe amahashe nabakhwele kuwo, elowo awe likrele lomtakwabo.

23 Ngaloo mini,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke, ‘ndiya kukuthabatha wena mkhonzi wam Zerubhabheli, nyana kaShelatiyeli,’ utsho uNdikhoyo, ‘ndikwenze ube ngumsesane wophawu lwam, kuba ndikunyule,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”

kwizahluko

1 2