1 Ngomhla wamashumi amabini ananye ngenyanga yesixhenxe ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi:
2 “Thetha kunyana kaShelatiyeli uZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, nakunyana kaYozadaki uYeshuwa umbingeleli omkhulu, nasebantwini bonke abaseleyo, uthi:
3 ‘Ngubani na kuni osaseleyo owabubonayo ubunewu-newu bale ndlu mandulo? Ngoku ikhangeleka njani kuni? Xa niyithelekisa naleya ayikhangeleki ingeyonto?
4 Kodwa ke yomelela, Zerubhabheli,’ utsho uNdikhoyo. ‘Yomelela, mbingeleli omkhulu Yeshuwa, nyana kaYozadaki. Kaloku mna ndinani,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.