20 Ilizwi *likaNdikhoyo laphinda lafika kuHagayi isihlandlo sesibini ngosuku lwamashumi amabini anesine lwaloo nyanga, lisithi:
21 “Thetha kuZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, uthi: ‘Ndiza kulinyikimisa izulu nehlabathi,
22 ndibakhiqe ookumkani kwizihlalo zabo, ndiwaphelise amagunya ezikumkani zeentlanga, ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nababhexeshi bazo, kuwe amahashe nabakhwele kuwo, elowo awe likrele lomtakwabo.
23 Ngaloo mini,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke, ‘ndiya kukuthabatha wena mkhonzi wam Zerubhabheli, nyana kaShelatiyeli,’ utsho uNdikhoyo, ‘ndikwenze ube ngumsesane wophawu lwam, kuba ndikunyule,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”