4 Kodwa ke yomelela, Zerubhabheli,’ utsho uNdikhoyo. ‘Yomelela, mbingeleli omkhulu Yeshuwa, nyana kaYozadaki. Kaloku mna ndinani,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
5 ‘Ekuphumeni kwenu eJiputa ndanqophisa ukuba ndiya kuhlala ndinani. Ke uMoya wam usenani; musani ukoyika.’
6 “Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Kungekudalanje, ngaso isihlandlo esinye, ndiya kunyikimisa izulu nehlabathi, ndigungqise ulwandle nomhlaba owomileyo.
7 Ndiya kuziphithizelisa zonke izizwe, ubutyebi bazo buziswe apha, le ndlu yam ndiyizalise ngesihomo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
8 ‘Isiliva yeyam; kanti negolide yeyam,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
9 ‘Indlu entsha yoba nesihomo esingaphezulu kunesihomo saleya indlu yangaphambili,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ukanti ke kuyo le ndawo ndiya kunika uxolo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”
10 Ngosuku lwamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba ngonyaka wesibini wokulawula kukaDariyo ilizwi likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi: