6 “Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Kungekudalanje, ngaso isihlandlo esinye, ndiya kunyikimisa izulu nehlabathi, ndigungqise ulwandle nomhlaba owomileyo.
7 Ndiya kuziphithizelisa zonke izizwe, ubutyebi bazo buziswe apha, le ndlu yam ndiyizalise ngesihomo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
8 ‘Isiliva yeyam; kanti negolide yeyam,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
9 ‘Indlu entsha yoba nesihomo esingaphezulu kunesihomo saleya indlu yangaphambili,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ukanti ke kuyo le ndawo ndiya kunika uxolo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”
10 Ngosuku lwamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba ngonyaka wesibini wokulawula kukaDariyo ilizwi likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi:
11 “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buza ababingeleli ukuba umthetho uthini na.
12 Ukuba umntu uphethe inyama ehlambulukileyo ngesondo lengubo yakhe, ngaba ke xa isondo laloo ngubo yakhe lirhece nokuba sisonka, ukutya okuphekiweyo, iwayini, amafutha omnquma, okanye nakuphi na ukutya, ngaba elo sondo likwenza kuhlambuluke oko kutya?’ ”Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!”