3 “Niyabona, ndosinqamla isizukulwana senu, ubuso benu ndibutyabeke ngomswane, nize nilahlwe kunye naloo mswane.
4 Noqala niqonde ke ukuba ndaninika lo myalelo ukuze umnqophiso wam noLevi ungaze wanqamka.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
5 “Umnqophiso wam noLevi wawungowobomi noxolo, ndaza ke ndamnika ezo zinto ukuze andihlonele. Ngenene wandihlonela, waloyika igama lam.
6 Imfundiso ephuma emlonyeni wakhe yayinyanisekile, kungafumaneki nkohliso emilebeni yakhe. Wahamba nam enoxolo nangokuthe ngqo, wabuyisa abantu abaninzi ebugwenxeni.
7 “Imilebe yombingeleli imelwe kukugcina ulwazi, abantu bafumane umyalelo emlonyeni wakhe, kuba kaloku ungumthunywa kaNdikhoyo onamandla onke.
8 Kambe ke, nina babingeleli, indlela niyityeshele. Imfundiso yenu ikhubekise abantu abaninzi. Niwonakalisile umnqophiso obuphakathi kwam noLevi.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
9 “Ngenxa yoko nam ndonenza nideleke, nibe ngabahlazekileyo ebantwini bonke. Kaloku anizigcinanga iindlela zam, suka naba nesheyi kwimicimbi ephathelele emthethweni.”