1 *UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Inene iyeza imini evutha okweziko apho bonke abakhukhumeleyo nabenzi bobubi baya kutsha njengomququ. Ewe, ngaloo mini baya kutsha baphele tu, kungasali sebe nangcambu.
2 Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.
3 Ngemini endikwenzayo oku abakhohlakeleyo niya kubanyhasha; kaloku baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
4 “Ze niwukhumbule umyalelo wesicaka sam uMosis, nditsho loo mimiselo naloo miqathango ndayinikela uSirayeli ngoMosis eHorebhe.
5 “Niyabona, phambi kwaloo mini kaNdikhoyo inkulu yoyikekayo ndiya kunithumela *umshumayeli uEliya.
6 “Ke yena uya kuziguqulela koonyana iintliziyo zooyise, aze aziguqulele kooyise iintliziyo zoonyana, okanye bendiya kuza ndilitshabalalise ngokupheleleyo ilizwe.”