1 “Uyabona ke, ndiyasithuma isigidimi sam esiza kundigabulela izigcawu. Ke yona iNkosi le niyilindeleyo yosuka ifike ngequbuliso kule ndlu yayo, nditsho uMthunywa woMnqophiso enimlangazelelayo.” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke.
2 Yaz'ba ngubani na oya kuba nako ukuyinyamezela loo mini yokugaleleka kwakhe? Ingubani onokumelana naye akuthi gqi? Kaloku wofana nqwa nesephu ecocayo, abe matwa nomlilo wokunyibilikisa.
3 Uya kuba eze kugweba, afane nomnyibilikisi ocwenga isiliva negolide. Naye ke uya kubahlambulula abaLevi, abacwenge oku kwegolide nesiliva, ukuze babe nako ukuzisa iminikelo kuNdikhoyo benobulungisa.
4 Ke kaloku iminikelo yakwaJuda neyaseJerusalem iya kwamkeleka kuNdikhoyo njengakwimihla yakudala neminyaka yamandulo.
5 UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ndiya kufika ndize kunigweba. Ngoko nangoko ndiya kubabek' ityala bonke abenza imilingo, abakrexezayo, abangqina ubuxoki, nabaqeshi abaqhatha abaqeshwa ngemivuzo yabo, nabo baxhaphaza abahlolokazi neenkedama nabangeneleli, nabo bonke abangandihloneliyo.”
6 “Mna *ndinguNdikhoyo ongajika-jikiyo. Ke nina, nzala kaYakobi, anikatshabalali kwaphela.