12 “Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
13 “Nithethe amazwi aqatha ngam,” utsho uNdikhoyo.“Kambe ke nina nithi: ‘Sithethe ntonitna ngawe?’
14 “Kaloku nithi: ‘Kulilizé ukukhonza uThixo. Kube yinzuzoni na kuthi ukugcina oko akulindeleyo? Kusincede ntoni ukuhamba okwabazilileyo phambi koNdikhoyo onamandla onke?
15 Kakade, abanekratshi ngabona bathamsanqelekileyo! Abantu abenza izinto ezimbi bayaphumelela; uThixo bayamnyola, bajike basinde.’ ”
16 Ke bona abamhlonelayo uNdikhoyo babencokola bodwa, waza weva waphulaphula uNdikhoyo. Phambi kwakhe kwabhalwa incwadi yesikhumbuzo yâbo bamhlonelayo belinika imbeko igama lakhe.
17 UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.
18 Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nesikhohlakali, nditsho phakathi komkhonzayo uThixo nalowo ungamkhonziyo.”