Uobhadiya 1 XHO96

Ukohlwaywa kwe-Edom

1 Nanku umbono kaObhadiya. Ngokuphathelele kwiEdom iNkosi *uNdikhoyo itsho ukuthi:Luvakele udaba oluvela kuNdikhoyo;sigalelekile ezizweni isigidimi, sisithi:“Vukani, siye kulwa naye uEdom!”

2 UNdikhoyo uthi kwiEdom:“Uyabona, ndokwenza ube mncinane phakathi kwezizwe;uya kusuka udeleke mpela.

3 Ikratshi elisentliziyweni yakho likukhohlisile.Wena uhlala ezimfanteni zamawa,wena ukhaya likweliphezulu,xa uzithethela uman' usithi:‘Ngubani oya kundithula andise emhlabeni?’

4 Noba ungade untinge njengokhozi,ewe, noba usezinkwenkwezini umzi wakho,nalapho mna ndiya kukuthoba.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

5 “Xa ufikelwe ngamasela,ewe, nokuba zizihange ebusuku,aya kûba kangangoko anako,akushiyele kodwa.Nabavuni beediliya bavuna bagqibe,kushiyeke umkhwahlazo.Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.

6 Kaloku, wena Esawu, uya kugqogqwa uphengululwe,konke okwakho okunexabiso kuthinjwe.

7 Oogxa bakho bokududulela emideni.Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,kodwa sobe uyiqonde loo nto.”

8 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Mhla ndamohlwaya uEdomndozitshabalalisa izilumko zakhe,kungabikho mntu uqiqayo kwezo ntaba zakwaEsawu.

9 Ke wona amadoda omkhosi waseTeman osuka arhwaqele;bonke abakwiintaba zakwaEsawu baya kunqunyulwa babulawe.

10 Ngenxa yobundlobongela obenze kumntakwenu,nditsho umninawe wakho onguYakobi,ihlazo liya kukugubungela,utshatyalaliswe ngonaphakade.”

Isizathu sesohlwayo

11 “Ngaloo mini wena wema bhuxengeli xesha utshaba luthath' ubutyebi.Iintlanga zangena emasangweni,zenza *amaqashiso ngeJerusalem,suka wena waba njengomnye wazo.

12 Akwaba ubungamdelanga umntakwenu,nditsho ngemini yakhe yelishwa.Akwaba ubungagcobanga ngenxa kaJudangemini yakhe yentshabalalo.Akwaba ubungaqholosangamhla lalibhek' umoya kuye.

13 Ngewungangenanga kumasango abantu bamngomhla wabo wesithwakumbe.Ngewungabajongelanga phantsi ngenkxwaleko yabongemini yentlekele yabo.Ngewungabuxhaphazanga ubutyebi babongomhla weshwangusha labo.

14 Akwaba ubungemanga eziphambukeniukuze unqakule iimbacu zabo.Amasalela ngewungawanikelanga elutshabenimhla kwakugos' okwaphukayo.”

UThixo uza kuzohlwaya izizwe

15 “Ewe, kuzo zonke izizwe imini *kaNdikhoyo isondele.Loo nto uyenzileyo, wena Edom, iya kubuya yenziwe nakuwe;isikhuni siya kubuya nomkhwezeli.

16 Njengoko nina nayisezwayo ibhekile yesohlwayo entabeni yam engcwele,ngokunjalo nezinye izizwe ziya kuyisezwa,phofu ziyisele zingayeki.Ewe, ziya kusela zibimbilize,zide zibe ngathi zange zabakho.”

Ubukumkani boba bobukaNdikhoyo

17 “Ke kwintaba iZiyon kuya kubakho abasindileyo;yona yobuya ibe yindawo engcwele.Indlu kaYakobi iya kulixhamla ilifa layo,libe sezandleni zayo.

18 Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo,indlu kaJosefu ibe lidangatye.Ke yona ekaEsawu ibe ngumququ,bayintumeke umlilo itshe iphele.Akusayi kubakho masalela kule ndlu kaEsawu mpela-mpela.”Etshilonje *uNdikhoyo, utshilo.

19 “Ke zona iintaba zakwaEsawu zomiwa ngabantu belasezantsi;ke bona abakumazantsi eentaba beme kumhlaba wamaFilistiya.Bowuthatha umhlaba kaEfrayim nowaseSamariya,abakwaBhenjamin beme eGiliyadi.

20 Iimbacu zamaSirayeli ziya kuyithimba iKanana ziye kutsho eZarefa,iimbacu zaseJerusalem eziseSefaradi zithimbe iidolophu zelasezantsi.

21 Abahlanguli bophuma eZiyon,bazilawule iintaba zakwaEsawu,ubukumkani bube bobukaNdikhoyo.”

kwizahluko

1