1 Nanku umbono kaObhadiya. Ngokuphathelele kwiEdom iNkosi *uNdikhoyo itsho ukuthi:Luvakele udaba oluvela kuNdikhoyo;sigalelekile ezizweni isigidimi, sisithi:“Vukani, siye kulwa naye uEdom!”
2 UNdikhoyo uthi kwiEdom:“Uyabona, ndokwenza ube mncinane phakathi kwezizwe;uya kusuka udeleke mpela.
3 Ikratshi elisentliziyweni yakho likukhohlisile.Wena uhlala ezimfanteni zamawa,wena ukhaya likweliphezulu,xa uzithethela uman' usithi:‘Ngubani oya kundithula andise emhlabeni?’
4 Noba ungade untinge njengokhozi,ewe, noba usezinkwenkwezini umzi wakho,nalapho mna ndiya kukuthoba.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.
5 “Xa ufikelwe ngamasela,ewe, nokuba zizihange ebusuku,aya kûba kangangoko anako,akushiyele kodwa.Nabavuni beediliya bavuna bagqibe,kushiyeke umkhwahlazo.Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.
6 Kaloku, wena Esawu, uya kugqogqwa uphengululwe,konke okwakho okunexabiso kuthinjwe.
7 Oogxa bakho bokududulela emideni.Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,kodwa sobe uyiqonde loo nto.”