5 “Xa ufikelwe ngamasela,ewe, nokuba zizihange ebusuku,aya kûba kangangoko anako,akushiyele kodwa.Nabavuni beediliya bavuna bagqibe,kushiyeke umkhwahlazo.Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.
6 Kaloku, wena Esawu, uya kugqogqwa uphengululwe,konke okwakho okunexabiso kuthinjwe.
7 Oogxa bakho bokududulela emideni.Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,kodwa sobe uyiqonde loo nto.”
8 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Mhla ndamohlwaya uEdomndozitshabalalisa izilumko zakhe,kungabikho mntu uqiqayo kwezo ntaba zakwaEsawu.
9 Ke wona amadoda omkhosi waseTeman osuka arhwaqele;bonke abakwiintaba zakwaEsawu baya kunqunyulwa babulawe.
10 Ngenxa yobundlobongela obenze kumntakwenu,nditsho umninawe wakho onguYakobi,ihlazo liya kukugubungela,utshatyalaliswe ngonaphakade.”
11 “Ngaloo mini wena wema bhuxengeli xesha utshaba luthath' ubutyebi.Iintlanga zangena emasangweni,zenza *amaqashiso ngeJerusalem,suka wena waba njengomnye wazo.