14 Babuya bathathisa kwakhona ukukhala oomolokazana bakaNawomi. UOrpa wamanga embulisa uninazala, kodwa yena uRute wathana nca noNawomi.
15 Wathi uNawomi: “Uyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyele ebantwini bakhe nakoothixo bakhe. Nawe goduka kunye naye.”
16 Waphendula uRute wathi: “Sukundinyanzela usithi mandikushiye. Apho uya khona, nam ndiya kuya, ndiye kuhlala nalapho uhlala khona, amawenu abe ngamawethu, noThixo wakho abe nguThixo wam.
17 Ndiya kufa apho ufa khona, ndingcwatyelwe apho nam. *UNdikhoyo aze andihlisele elona shwangusha xa ndinokwahlulwa nto nawe; ewe, nditsho nokufa!”
18 UNawomi akabanga saphinda awuvule owakhe umlomo, akubona okungako kona ukuzimisela kukaRute ukungahlukani naye.
19 Bahamba ke bada baya kufika eBhetelehem. Bathi bakufika khona kwatsho kwathabatheka wonke ubani. Abafazi bathi: “Hi bethu, nithi nguNawomi nyani na lo?”
20 UNawomi yena wathi: “Sanukuthi Nawomi kum, yithini Mara, kuba wabenza bakrakra kum ubomi uSomandla.