3 Wanduluka ke uRute ukuya emasimini. Wafika walandela abavuni, ehamba ebhikica. Kwathi kanti loo nto uyenza entsimini kaBhowazi owayezalana noElimeleki.
4 Ke wafika uBhowazi, evela eBhetelehem. Wababulisa abavuni, esithi: “UNdikhoyo ubenga angaba nani!”Baphendula bathi bona: “Camagu! Akuthamsanqelise nawe uNdikhoyo!”
5 Emva koko uBhowazi ubuze kwinduna ephethe abavuni, wathi: “Kanene yintombi yasemanini leya ndiyibonayo?”
6 Yona ithe: “NgumMowabhikazi lowa, lo ufike noNawomi ukubuya kwakhe kwelamaMowabhi.
7 Ucele ukuba ndimvumele abhikice, akhwahlaze phakathi kwezithungu, elandela abavuni. Kudala elapha; akakhange aphumle oko kusile – usandula ukuyeka ngoku umbona ehleli phaya endaweni yokuphumla nje.”
8 UBhowazi wathi kuRute: “Uyabona ke, ntombi yam, uzungemki apha, ungabi saya kubhikica kumasimi abanye abantu. Uze uncamathele kwiintombi ezi zisebenza kula masimi am.
9 Uze uzilandele, ubhikice apho zivuna khona. Ndibaxelele abafana aba ukuba bangakukhathazi. Ukuba unxaniwe uze uye kusela kwezaa ngqayi zamanzi akhiwe ngabafana.”