7 Ucele ukuba ndimvumele abhikice, akhwahlaze phakathi kwezithungu, elandela abavuni. Kudala elapha; akakhange aphumle oko kusile – usandula ukuyeka ngoku umbona ehleli phaya endaweni yokuphumla nje.”
8 UBhowazi wathi kuRute: “Uyabona ke, ntombi yam, uzungemki apha, ungabi saya kubhikica kumasimi abanye abantu. Uze uncamathele kwiintombi ezi zisebenza kula masimi am.
9 Uze uzilandele, ubhikice apho zivuna khona. Ndibaxelele abafana aba ukuba bangakukhathazi. Ukuba unxaniwe uze uye kusela kwezaa ngqayi zamanzi akhiwe ngabafana.”
10 Waqubuda phambi koBhowazi uRute, wathi: “Mhlekazi, ngani ukuba undenzele ububele obungaka undihoye ndingowelinye ilizwe nje?”
11 UBhowazi wathi: “Ndivile ngawe ukuba ubumphethe kakuhle unyoko-zala, naxa umyeni wakho selengasekho. Ude washiya uyihlo nonyoko, nditsho namawenu la embala, weza kuhlala phakathi kwabantu obungazani nabo.
12 Ubenga ke uNdikhoyo angakuvuza ngomsebenzi wakho. Ewe, ubenga uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, lo wena uze kuzifaka phantsi kwamaphiko akhe, angakubuyekeza kanobom.”
13 URute wathi: “Ngenene, mhlekazi, unenceba; undithobe uvalo xa wenjenje ukuthetha nam ngobubele, mna sicakakazi sakho, naxa ndingoyena unganeno nakwizicakakazi zakho.”