1 Kubhala mna indoda enkulu. Ndibhalela uGayo endimthanda ngokwenene.
2 Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.
3 Ndavuya gqitha xa kwakufika amawethu endixelela ngendlela othe ngcembe ngayo enyanisweni – njengoko uhlala usenza kakade.
4 Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.