3 Kayohane 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna indoda enkulu. Ndibhalela uGayo endimthanda ngokwenene.

2 Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.

3 Ndavuya gqitha xa kwakufika amawethu endixelela ngendlela othe ngcembe ngayo enyanisweni – njengoko uhlala usenza kakade.

4 Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.

UGayo uyanconywa

5 Mhlobo endimthandayo, hayi ukuba nenyameko kwakho kumsebenzi owenzela amakholwa – nditsho nalawo angabahambi!

6 Ayibalisile apha ebandleni indlela obuwaphethe kakuhle ngayo. Seluwanceda ke naseluhambeni lwawo, ngohlobo olukholisa uThixo.

7 Kaloku ahamba esiya kwenza umsebenzi kaKrestu. Akafumani nkxaso ke kwabo bangengomakholwa.

8 Kambe ke thina makholwa simelwe kukuwaxhasa, khon' ukuze sibe nenxaxheba kumsebenzi wokusasaza inyaniso.

UDiyotrefe noDemetriyo

9 Bendibhalele ibandla ileta. Kodwa uDiyotrefe, ongugqada-mbekweni, akafuni kuva nento le ngam.

10 Ndothi ndakufika apho ndizibhengeze zonke izenzo zakhe: izinto ezimanyumnyezi azithethe ngam, kunye nobuxoki ahamba ebuphalaza ngam. Kanti ke ngaphezu koko uyala ukwamkela amawethu xa afikileyo; ude anqande nâbo bafuna ukuwamkela, afune ukubagxotha ebandleni.

11 Mhlobo oyintanda, ungaze uyilinganise imikhwa emibi; uze ufunde umzekelo omhle. Wonke umntu owenza okulungileyo ngokaThixo. Kodwa lowo wenza okubi akakabonani noThixo.

12 Kodwa wonke umntu uthetha kakuhle ngoDemetriyo. Inyaniso iyacaca ngaye. Nam ndiyayingqina loo nto, yaye uyazi ukuba andixoki.

Amazwi okuphetha

13 Zininzi izinto endifuna ukukuxelela zona, kodwa andithandi kuzibhala.

14 Ndinqwenela ukukubona kwakamsinya, khon' ukuze sithethe ubuso ngobuso.

15 Uxolo malube nawe.Bayabulisa bonke oogxa bakho. Nawe bulisa kubahlobo bam bonke ngabanye.

kwizahluko

1