2 Kayohane 1 XHO96

Isingeniso

1 Indoda enkulu ibhalela udade onyuliweyo kunye nabantwana bakhe. Ndinithanda ngenene, phofu ke asindim ndedwa koko bonke abayaziyo inyaniso bayanithanda.

2 Kaloku inyaniso ihlala kuthi, ibe ke siya kuhlala sinayo nanini na!

3 Isisa, inceba, noxolo mazihlale kuthi ngenyaniso nothando. Kaloku zona siziphiwa nguThixo uBawo wethu, noYesu Krestu uNyana kaThixo uYise.

Inyaniso nothando

4 Ndibe nochulumacho ukufumanisa ukuba abanye kubantwana bakho bahleli enyanisweni, kanye njengoko sayalelwayo nguBawo.

5 Ndiyakucela, dade othandekayo, andikuniki myalelo mtsha, koko ndikukhumbuza ngalowo sawunikwayo kwasekuqaleni – ewe, nditsho lo uthi masithandane.

6 Olu thando ndithetha ngalo ke kukuyithobela imiyalelo kaThixo. Lo myalelo ke nawunikwa kwasekuqaleni, ukuze ubomi benu bulawulwe luthando.

7 Kukho abakhohlisi abaninzi abathe saa apha elizweni. Bona bayaphika ukuba uYesu Krestu waba ngumntu ngokupheleleyo. Abantu abanjalo ngabakhohlisi, abachasi-Krestu.

8 Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu.

9 Umntu onganamatheliyo emfundisweni kaKrestu, lowo uhambela kude kuyo, akanaThixo. Kanti ke yena onamatheleyo kuyo imfundiso umanyene noYise kunye noNyana.

10 Xa nifikelwa ngumntu ophethe mfundiso yimbi musani ukumamkela ekhayeni lenu, ningambulisi nokumbulisa.

11 Kaloku òmnqwenelela impumelelo ùvana naye nangenkohlakalo leyo yakhe.

Amazwi okuphetha

12 Nakuba ndinento eninzi ebendingayithethayo kuwe, andithandanga ukuyibhala. Kaloku ndinethemba lokunityelela. Ndiyabona ke ukuba sesothetha ngoko sonwabile.

13 Bayabulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo.

kwizahluko

1