1 Kayohane 5 XHO96

Ukoyisa ihlabathi

1 Nawuphi na umntu okholwayo ukuba uYesu unguKrestu, ungumntwana kaThixo; yaye ke nabani na omthandayo umzali uyamthanda nomntwana.

2 Ukuba siyamthanda uThixo siyithobela nemiyalelo yakhe, loo nto luphawu lokuba siyabathanda abantwana bakhe.

3 Kaloku ukumthanda uThixo kuhambisana nokuthobela imiyalelo yakhe. Ke yona imiyalelo kaThixo ayinzima kuthi.

4 Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.

5 Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.

Ubungqina ngoYesu Krestu

6 Ebomini bukaYesu kwaqaqamba amanzi negazi. Kambe ke asingomanzi odwa, koko ngamanzi negazi. UMoya ngokwakhe uyayingqina le nyaniso; kaloku uMoya ngumthombo wenyaniso.

7 Ke amangqina mathathu,

8 ayangqinelana: uMoya, amanzi, negazi.

9 Obu ke bubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe, ibe ke buthembekile. Kambe ke thina siyabamkela nobungqina babantu.

10 Okholwayo kuNyana kaThixo nentliziyo yakhe iyangqina; kambe ke yena ongakholwayo kuThixo, umenza ixoki ngokungabamkeli ubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe.

11 Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.

12 Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.

Ubomi obungenasiphelo

13 Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.

14 Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.

15 Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.

16 Xa umntu ebhaqe uwabo ephazama, makamthandazele kuThixo ukuze aphile. Le nto ke inxulumene nabo bazono zingakhokeleli kufeni. Kaloku zikho izono ezikhokelela ekufeni; anditsho ke ukuba ezinjalo zithandazeleni kuThixo.

17 Nakuba konke ukungalungisi kusisono nje, azikhokeleli ekufeni ngokufanayo zonke izono.

18 Siyazi ukuba umntwana kaThixo akoni rhoqo. Kaloku uNyana kaThixo uyamgcina, ukuze umtyholi angamchukumisi.

19 Siyazi thina ukuba silusapho lukaThixo; kanti ke bona abantwana beli hlabathi balawulwa ngumtyholi.

20 Siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile wasinika ukuqonda, ukuze simazi uThixo onguye ngenene. Thina simanywe nalowo unguThixo ngenene, kuba kaloku simanywe noNyana wakhe uYesu Krestu. Yena ke unguThixo ngenene; nguye obona bomi bungenasiphelo.

21 Bantwana bam, zilumkeleni *izithixo!

kwizahluko

1 2 3 4 5