1 Kayohane 3 XHO96

1 Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.

2 Bahlobo bam, singabantwana bakaThixo ngoku, kodwa ke into esiya kuba yiyo ayikacaci. Siyazi kambe ukuba akufika uKrestu siya kufana naye, kuba soba simbona njengoko anjalo.

3 Wonke umntu oneli themba kuKrestu uzenza nyulu kanye njengokuba noKrestu enyulu.

4 Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.

5 Niyazi kaloku ukuba uKrestu weza kucamagushela isono; ibe ke akanasono yena.

6 Ngoko ke lowo umanyene noKrestu uyazilumla esonweni. Lowo ungazilumliyo esonweni akakamboni uKrestu, engazani nokwazana naye.

7 Musan' ukulahlekiswa, bantwana bam: Ngumntu olungisayo olilungisa, kanye njengoko noKrestu elilo.

8 Umntu ongumoni ufuze uSathana, yena wonayo kwasekuqaleni. UNyana kaThixo ke wezela kanye into yokuba abhangise umsebenzi kaSathana.

9 Lowo ke ungumntwana kaThixo akoni rhoqo. Kaloku uzelwe nguThixo yena. Umntwana kaThixo kaloku akanakuhlalela ukona.

10 Nguwo lo ke umahluko phakathi kwabantwana bakaThixo nabakaSathana: Umntu ongenzi okulungileyo nongawathandiyo amanye amakholwa, asingomntwana kaThixo.

Thandanani

11 Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.

12 Masingafani noKayen ke owafuza umtyholi wagwinta umntakwabo. Kwakutheni ukuze amgwinte umntwakwabo? Kwakungenxa yokuba izenzo zikaKayen zazigwenxa, kodwa ezomntakwabo zazilungile.

13 Bahlobo bam, sanukumangaliswa xa abantu beli hlabathi benithiyile.

14 Kaloku thina siphumile ekufeni sangena ebomini. Loo nto ke icaciswa kukuba siyawathanda amawethu. Umntu ongenalo uthando usantyumpantyumpeka ekufeni.

15 Nabani na ke omthiyileyo uwabo sisigwinta, ibe ke niyazi ukuba akukho sigwinta sinabo ubomi obungunaphakade.

16 Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.

17 Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?

18 Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

Aninasazela phambi koThixo

19 Nantso ke into ebonakalisa ukuba singabenyaniso, yaye asinasazela phambi koThixo.

20 Kanti ke, nokuba siyalahlwa sisazela sethu, yena uThixo osaziyo ngokupheleleyo, unenceba kunesazela sethu.

21 Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo.

22 Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.

23 Umyalelo wakhe uthi masizinikele kwigama loNyana wakhe uYesu Krestu, sithandane nanjengokuba wasiyalelayo.

24 Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

kwizahluko

1 2 3 4 5