1 Kayohane 2 XHO96

UKrestu ummeli wethu

1 Ndinibhalela nje, bantwana bam, ndifuna niyeke ukona. Kambe ke xa kukho umntu othe wona ukhona ummeli wethu kuBawo, nditsho uYesu Krestu olilungisa.

2 Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.

3 Into ebonakalisa ukuba siyazana noThixo kukuba siyithobele imiyalelo yakhe.

4 Umntu othi uyazana naye, abe kodwa engayithobeli imiyalelo yakhe, uyaxoka; ukude nenyaniso.

5 Kambe ke yena olithobelayo ilizwi lakhe, uthando lukaThixo luyondelelene kuye. Nantsi ke into ecacisa ukuba simanyene noThixo:

6 Lowo uthi umanyene naye makaziphathe ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu Krestu.

Umyalelo omtsha

7 Zihlobo zam ezithandekayo, lo myalelo ndinibhalela wona awumtsha, mdala; ngulowa nawunikwayo kwasekuqalekeni. Lo myalelo mdala ke ludaba eseniluvile.

8 Ewe kambe, lo myalelo ndinibhalela wona mtsha; ubunyani bawo bubonakaliswa nini nanguYesu Krestu. Kaloku ubumnyama buyadlula; ke okona kukhanya sekuvelile.

9 Umntu othi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile uwabo, usesebumnyameni unangoku.

10 Kodwa yena umntu omthandayo uwabo, uhlala ekukhanyeni; yaye akukho nto ikhubekisayo kuye.

11 Kambe yena umntu omthiyileyo uwabo usebumnyameni, uyamfamzela; akazi nalapho aya khona, kuba ubumnyama bummfamekisile.

12 Ndiyanibhalela, bantwana bam, kuba kaloku izono zenu zixolelwe ngenxa kaKrestu.

13 Ndiyanibhalela nani, boyise, kuba kaloku niyamazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Ngokunjalo ndiyanibhalela nani, lutsha, kuba nimoyisile umtyholi.

14 Bantwana, ndinibhalela nje, kungoba niyamazi uBawo. Boyise, ndinibhalela nje, kungenxa yokuba nimazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Lutsha, ndiyanibhalela kuba kaloku nina nomelele, nelizwi likaThixo linifukamele, ibe ke nomtyholi nimoyisile.

15 Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.

16 Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.

17 Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.

Umchasi-Krestu

18 Bantwana bam, isiphelo sisemnyango! Kaloku nanivile ukuba umchasi-Krestu uyeza. Nangoku ke sebevele babaninzi abamchasayo uKrestu. Yiloo nto ke esenza siqonde ukuba isiphelo sisemnyango.

19 Aba bantu bakreqa apha kuthi, kuba babengekho ngakuthi kakade; kaloku ukuba babengakuthi ngebabengakreqanga. Ke kaloku basishiyile, khon' ukuze kucace ukuba babengengabo abethu ncam.

20 Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele; ngoko ke nonke ninolwazi.

21 Ndinibhalela nje ke akungakuba ningayazi inyaniso; hayi, kungenxa yokuba niyazi, futhi ke niqonda ukuba ubuxoki abuveli enyanisweni.

22 Ngaba ngubani ixoki xa ingenguye lowo uphikayo ukuba uYesu unguKrestu? Umntu onjalo ungumchasi kaKrestu. Akamvumi uYise kwanoNyana.

23 Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.

24 Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.

25 Into awayesithembise yona ke uKrestu bubomi obungunaphakade.

26 Ndinibhalela ezi zinto mayela nabo banikhohlisayo.

27 Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu.

Abantwana bakaThixo

28 Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.

29 Niyazi ukuba uKrestu ulilungisa; ngokunjalo ke qondani ukuba nawuphi na umntu owenza okulungileyo ungumntwana kaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5