1 Ndibhala ndinibalisela ngoLizwi uSobomi, owayekho kwasekuqaleni. Sasithetha naye, simbona ngamehlo, simbukela, sigudlana naye ngamacala.
2 Uthe akuvela sambona. Yiyo ke le nto ndinibaliselayo ngaye, ndinixelela ngaye uSobomi owayehleli ekho kunye noYise kwasekuqaleni, node wabonakala nakuthi.
3 Nani ke sinixelela ngesimbonileyo, sathetha naye, khon' ukuze nani nibuxhamle nathi ubudlelane esinabo kunye noYise noNyana wakhe uYesu Krestu.
4 Le ncwadi ke ndinibhalela ukuze sonwabe ngokupheleleyo sonke.
5 Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.
6 Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.
7 Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.
8 Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela.
9 Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
10 Kanti xa sithi asizange sone, simenza ixoki uThixo, yaye nelizwi lakhe alikho kuthi.