2 Kapetros 3 XHO96

IMini yeNkosi iyeza

1 Zihlobo zam, yeyesibini le ngoku incwadi endinibhalela yona. Kuzo zombini ezi ncwadi bendizama ukuvuselela iingcinga ezintle ezingqondweni zenu.

2 Bendinikhumbuza izinto ezathethwa *ngabashumayeli abangcwele mandulo, kwanemiyalelo yeNkosi noMsindisi enayixelelwayo *ngabathunywa.

3 Mayisicacele into yokuba imihla yokugqibela iza nabantu abangoodelihlazo nabagxeki.

4 Baza kunenza intlekisa besithi: “Wayethe uya kubuya eze. Úphi kaloku ngoku? Oobawo sebafa, yaye into yonke isenjengoko yayinjalo kwasekusekweni kwehlabathi!”

5 Bakhetha ukuyilibala abo bantu into yokuba amazulu la ayekho kakade kwasekuqaleni, nokuba ihlabathi eli ladalwa ngamanzi ngelizwi likaThixo.

6 Yaye latshatyalaliswa kwangamanzi; nditsho amanzi kanogumbe.

7 Kanti ke kwaesi sibhakabhaka sikhoyo nehlabathi zigcinwe kwalelo lizwi likaThixo. Zilinde umhla ekuya kugwetywa ngawo ngomlilo kutshatyalaliswe abantu abangamkhathalelanga uThixo.

8 Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.

9 Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

10 Ke yona iMini yeNkosi iya kufika njengesela ingalindelekanga. Ngaloo mini amazulu aya kutsho ngenzwinini yengxolo, aze ke wona aphel' emehlweni. Ngokunjalo neziseko zawo ziya kutshiswa ngumlilo ziphele. Wona umhlaba nako konke okukuwo kuya kusala kuze; uya kunyamalala.

11 Xa ke eli phakade liza kutshabalala kanje, ngaba kufuneka nithini nina? Kufuneka nizinikele ngokupheleleyo, niphile ubomi obunyulu.

12 Kufuneka nenze unako-nako, nilangazelela ukuba ikhawuleze imini kaThixo. Ewe, loo mini iya kuwalenya ngomlilo amazulu atshabalale; ngokunjalo neziseko zawo ziya kunyibilika.

13 Kambe ke thina silindele isithembiso sikaThixo, samazulu nehlabathi elitsha, apho kuya kulawula ucwangco.

14 Zihlobo zam, njengoko ke nisajong' enkalweni kweli dinga, hlalani nilungelelene noThixo; ningenabala, ningakhalazeleki nganto kuye.

15 Qondani kakuhle ukuba umonde weNkosi ufezekisa usindiso lwenu. Andithi kaloku nowethu othandekayo uPawulos utsho kwiincwadi zakhe azibhala phantsi kwefuthe nobulumko bukaThixo!

16 Kambe ke unjalo kakade xa ethetha ngale nyewe. Phofu ke kukho iindawo ezinzima ezincwadini zakhe. Ke zona izityhakala nabathandabuzi bazitolika gwenxa, njengoko besenza kakade *eziBhalweni. Ngokwenjenjalo ke bazibizela intshabalalo.

17 Ke nina, zihlobo zam, senilunyukisiwe. Ngoko ke lumkani, hleze aba basweli-kuqiqa banilukuhlele kwezo mpazamo zabo. Ngoko ke yimani ningagungqi.

18 Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! *Amen.

kwizahluko

1 2 3