2 Kapetros 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna sicaka sikaYesu Krestu *nomthunywa wakhe, uSimon Petros. Ndibhalela nina bathe ngenxa yobulungisa bukaThixo noMsindisi wethu uYesu Krestu nânokholo olunjengolwethu ukuxabiseka.

2 Nanga ngenxa yokwazana kwenu noThixo kwakunye noYesu iNkosi yethu, ningenzelwa isisa, niphiwe noxolo ngakumbi nangakumbi.

Ukubizwa nokunyulwa nguThixo

3 Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.

4 Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.

5 Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo,

6 ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko,

7 nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.

8 Xa ninazo ngokwaneleyo, zisanda ngokwanda ezi zinto, zonenza nikhuthale nivelise neziqhamo, nazane nokwazana ngenene neNkosi yethu uYesu Krestu.

9 Kaloku umntu ongenazo ezi mpawu, yimfama, ubona kufuphi, uyalibala nokuba izono zakhe zangaphambili sewazixolelwa.

10 Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke.

11 Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.

12 Ngenxa yaloo nto ke, ndiya kusoloko ndinikhumbuza ezi zinto, naxa nizaziyo nje, nisekelwe ngokuthe nkqi enyanisweni leyo ninayo.

13 Ndiba yimfanelo yam, lo gama ndisaphilayo, ukuba ndinikhwezele ngokumana ndinikhumbuza.

14 Kaloku ndiyazi ukuba sendiza kuwushiya lo mhlaba. Sele wandazisayo kaloku uYesu Krestu iNkosi.

15 Ndaye ndiza kwenza indlela yokuba nihlale nizikhumbula ezi zinto naxa ndingasekhoyo.

Amangqina awasibona ngamehlo isihomo sikaKrestu

16 Ngokuya sasinixelela ngamandla eNkosi yethu uYesu Krestu nangokuza kwayo, sasinganenzeli ntsomi emini. Isihomo nesithozela sayo sasibona ngala wethu amehlo.

17 Ngokuya yayinikwa iwonga nobuqaqawuli nguThixo uYise sasikho. Sasikho naxa kwakuvakala ilizwi livela kuSobuqaqawuli, lisithi: “Lo nguNyana wam oyintanda, ondikholisayo.”

18 Leviwa sithi aba elo lizwi lalivela ezulwini, sikunye naye uYesu phezu kwaloo ntaba ingcwele.

19 Ngoko ke ubungqina bodaba *lwabashumayeli bamandulo bucaca ngakumbi. Ke xa niluthathela ingqalelo udaba lwabo noba niyakholisa. Olo daba ke luthatheni njengesibane sokukhanyisa ebumnyameni, lide livele ikhwezi lokusa, lithi chapha ezingqondweni zenu ilitha lomsobomvu.

20 Kanti ke, ngaphezu koko, ze nikhumbule ukuba akukho *mshumayeli wakha wazihlalutyela ngokwakhe udaba *lweziBhalo.

21 Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.

kwizahluko

1 2 3