1 Kapetros 5 XHO96

Umhlambi kaThixo

1 Ke kaloku ndibhenela kumadoda amakhulu alapho phakathi kwenu. Nam kaloku ndikwayindoda enkulu; futhi ndikwalingqina ngeembandezelo zikaKrestu. Kambe ke ndinaso nesabelo kubuqaqawuli obuza kuvela.

2 Waluseni umhlambi kaThixo eniphakathi kwawo. Lo msebenzi ke sanukuwenza kuba ninyanzelekile, koko wenzeni nizimisele, njengoko noThixo ethanda njalo. Sanukusebenza kuba nincwase inzuzo, koko sebenzani ngokuzinikela.

3 Sanukulawula ngegqudu, koko yibani ngumzekelo kuwo umhlambi.

4 Uya kuthi ke akufika uMalusi omkhulu, nizuze isithsaba esinesidima, esingasoze sitshitshe.

5 Kwangaloo ndlela ke nani, bafana, walulameleni amadoda amakhulu. Xa ninonke ke ngoko yithani wambu ukuthobelana. Kaloku uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.

6 Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.

7 Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.

8 Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.

9 Yimani ningahexi elukholweni, nimchase. Khumbulani ukuba namanye amakholwa athubeleza kwiimbandezelo ezikwanjalo apha emhlabeni.

10 Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.

11 Kaloku akuye amandla ngoku nangonaphakade. *Amen.

Isiphetho

12 Ngoncedo lukaSilas, ikholwa elithembekileyo njengoko ndiqonda, ndinibhalele le ncwadana ndinikhuthaza. Ngokunjalo ndiyangqina ukuba esi sisisa sikaThixo ngenene. Ngoko ke yimani kuso ningahexi.

13 Liyabulisa ibandla eliseBhabheli, nalo linyuliwe nguThixo njengani. Uyanibulisa nonyana wam uMarko.

14 Bulisanani niqhutywa luthando. Makube luxolo kuni nonke nina bakaKrestu!

kwizahluko

1 2 3 4 5