1 Kapetros 3 XHO96

Amakhosikazi namadoda awo

1 Ngokukwanjalo ke amakhosikazi makawalulamele amadoda awo. Amanye amadoda angekakholwa, xa ebona ukuziphatha kakuhle kwamakhosikazi, angazibhaqa selekholwa engakhange awuvule umlomo wona amakhosikazi.

2 Ukunyaniseka kwawo, nenzondelelo yawo, iya kuzibonakalisa.

3 Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo.

4 Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.

5 Yayisisihombo samakhosikazi angcwele amandulo ke eso. Ayethembele kuThixo, elulamela amadoda awo.

6 Wayenjalo uSara. Wayelulamela uAbraham esithi “mhlekazi” kuye. Niziintombi zakhe ke nina ukuba nenza okulungileyo ningenaxhala naloyiko.

7 Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.

Ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa

8 Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.

9 Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo,

10 nanjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubelamakazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki.

11 Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

12 Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,iyiphulaphule imithandazo yawo.Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.”

13 Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?

14 Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.

15 Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.

16 Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu.

17 Kaloku kungcono ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa, xa kuyintando kaThixo oko, kunokutshutshiselwa izenzo ezibi.

18 Andithi noKrestu wafela izono zethu kwaba kanye qwaba! Yena elilungisa nje wafela thina boni, esisondeza kuThixo! Wabulawa, kodwa wavuka ngoMoya kaThixo,

19 waza waya kushumayeza imiphefumlo eseluvalelweni.

20 Abo ke ngabo bantu bangazange bamthobele uThixo naxa wayebanyamezele ngemihla kaNowa. Ngabantu abambalwa nje – isibhozo kuphela – abasindiswayo ngamanzi.

21 Wona angumqondiso owalatha ubhaptizo olusindisa nina ngoku. Ubhaptizo alukuko ukuhlanjwa kokungcola komzimba, lusisithembiso esenziwa kuThixo ngomxhelo wonke. Lusindisa ngamandla okuvuka kukaKrestu

22 owenyukela ezulwini, ohleli ewongeni ngakuThixo, elawula zonke izithunywa zezulu nooziphathamandla noomagunya bakhona.

kwizahluko

1 2 3 4 5