1 Kapetros 4 XHO96

Ubomi obutsha

1 Njengoko noKrestu wamelanayo nale ntlupheko yalo mhlaba, ngokunjalo ke nani zimiseleni, nifuze yena. Kaloku umntu ocikidiweyo yintlupheko uyalumleka esonweni,

2 aze athi ke ngexesha asenalo emhlabeni angaphileli ukwanelisa iminqweno yesimo esidala, koko aphilele ukwenza oko kuthandwa nguThixo.

3 Ngoko ke lanele elaa xesha nilidlele ebuhedenini. Kaloku ngoko naningooandikhathali, nibawa, ninxila, nithanda iziyunguma; naningamakhoboka embarha; naninqula ngendlela elisikizi.

4 Oontangandini ngoku bathe nqa kuba ningasahambi nabo kobo bundlobongela bokuzibhubhisa. Yiyo le nto baninyelisayo.

5 Kambe ke baseza kunika ingxelo kulowo uhlalele ukugweba abahleliyo nabafileyo.

6 Naso isizathu esabangela ukuba iindaba ezimnandi zishunyayelwe nakwabo bafileyo ngoku. Ewe, zashunyayelwa nakwabo babegwetyiwe njengamntu wonke, khon' ukuze ngokoMoya baphilele uThixo.

Ukusebenzisana

7 Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

8 Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

9 Belezelanani ningenasikrokro.

10 Umntu onikwe isiphiwo esithile nguThixo makasisebenzise ekuncedeni abanye, njengegosa lokwaba isisa sikaThixo esintlobo-ntlobo.

11 Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.

Ukutshutshiswa komKrestu

12 Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.

13 Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe.

14 Nithamsanqelekile ukuba niyathukwa ngenxa yokuba ningabakaKrestu. Kaloku loo nto icacisa ukuba uMoya osinika isidima, onguMoya kaThixo, unifukamele.

15 Xa nibandezeleka makungabi ngenxa yobugwinta, ukûba, ubuqili, okanye ukuphixanisa.

16 Kodwa ke ukuba umntu ubandezeleka kuba engumKrestu, makangabi nazintloni, koko makadumise uThixo ngenxa yelo gama.

17 Kaloku lifikile ixesha lokuba umgwebo uqale; ibe ke uza kuqala endlwini kaThixo ngenkqu. Ukuba ke uqala kuthi, soba yintoni ke isiphelo sabo bangavumiyo ukuzithobela iindaba ezimnandi zikaThixo?

18 Njengoko *neziBhalo zisithi:“Nelungisa eli lisindiswa nzima.Kobeka phi ke kumqhankqalazi nomoni?”

19 Ngoko ke abo babandezeleka kuba uThixo ethanda, mabazinikele ngokupheleleyo ngemisebenzi emihle kuMdali wabo, kuba usoloko ethembekile.

kwizahluko

1 2 3 4 5