1 Kapetros 2 XHO96

Ilitye eliphilayo nesizwe esinyulu

1 Ngoko ke yahlukanani nazo zonke ezi zinto: uchuku, inkohliso, ukuzenzisa, nomona, nako konke ukuphixanisa!

2 Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.

3 “Kaloku senibungcamle ububele beNkosi,” njengoko *neziBhalo zisitsho kakade.

4 Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo.

5 Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu.

6 Kaloku iziBhalo zithi:“Ndikhethe ilitye elixabisekileyo.Lilitye lesiseko endilibeka eZiyon.Nabani na ozinikelayo kuye akayi kudana.”

7 Kuni, nina bazinikeleyo, eli litye lixabisekile, kodwa kwabo bangakholwayo:“Kanye elo litye bâlideláyo abakhisuke laba lelona libalulekileyo lesiseko.”

8 Lona:“Lilitye elikhubekisayo,ulwalwa olutyibilikisayo.”Kaloku bayakhubeka kuba bengalithobeli ilizwi; phofu ke bamiselwe loo nto kakade.

9 Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.

10 Ngoku nilusapho lukaThixo, nangona nanikade ningelulo; benikade nikude nenceba yakhe, kodwa ngoku niyifumene.

Isimilo somntu okholwayo

11 Ndiyanibongoza, zihlobo zam, kaloku niziimbacu nabaphambukeli kweli lizwe! Ngoko ke phikisanani nayo iminqweno yesimo senu esidala. Kaloku yona ilwa nani ziqu.

12 Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe.

13 Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya akhoyo. Ukumkani mthobeleni njengowongamileyo,

14 nerhuluneli njengomphathiswa wakhe wokohlwaya abonayo, ancome abo balungisayo.

15 Kaloku uThixo ufuna ukuba nithi ngenxa yezimilo ezihle nibatsho basikwe umlomo abo bangaqondiyo, ndawonye nezibhanxa.

16 Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.

17 Hloniphani wonke umntu; wathandeni amakholwa, nimoyike uThixo, nimthobele osemagunyeni.

Umzekelo esiwunikwe nguKrestu

18 Nina zicaka, bahlonipheni abo baniqeshileyo, nibathobele kangangoko. Le nto ke sanukuyenza kwabo banobubele nobuntu kuphela, koko yenzeni nakwabo bakhohlakeleyo.

19 Kaloku uThixo uyamthamsanqelisa umntu onyamezela ingcinezelo engonanga, kuba elangazelela okuthandwa nguThixo.

20 Ewe, kaloku umntu akafumani nqaku xa enyamezela isohlwayo ngenxa yesono asenzileyo. Kodwa ke ukuba ùnyamezela ukuphatheka kabuhlungu naxa ungenzanga bubi, uThixo ungakuwe.

21 Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.

22 Yena zange one, engazange wakhohlisa.

23 Naxa wayengcikivwa wayengaphindisi angcikive. Ngexesha lokuphatheka kabuhlungu akazange aqalekise, koko imeko yakhe wayinikela kulowo ugweba ngobulungisa.

24 Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

25 Nanilahlekile njengeegusha, kambe ke ngoku nibuyiselwe kuMalusi wenu onikhathaleleyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5