2 Kapetros 2 XHO96

Abafundisa ubuxoki

1 KwaSirayeli babekho *abashumayeli abaxokayo; ngokunjalo ke naphakathi kwenu baza kubakho abafundisa ubuxoki. Bona baza kunyebelezisa iimfundiso ezidala intshabalalo. Baya kuphika nkqu neNkosi le ibasindisileyo, baze ngokwenjenjalo bazibizele intshabalalo ekhawulezileyo.

2 Baninzi abaya kubalandela kwezo ndlela zabo zokungcola. Yona indlela eyinyaniso baya kuyingcikiva.

3 Ngenxa yokunyoluka kwabo aba bafundisi baya kuniqhatha, khon' ukuze banixhaphaze, bafumane inzuzo. Kodwa ke sona isigwebo abasimisélwa kwantlandlolo sijinga phezu kwabo; umtshabalalisi akalali, ulinde bona.

4 Izithunywa ezathi zôna uThixo akazange abe natarhu kuzo, koko wazithatha waziqamangela ngamatyathanga, waziphosa esithokothokweni sesihogo; apho zihleli khona ngoku, zilinde umhla womgwebo.

5 UThixo akazange alisindise ihlabathi lamandulo, koko wabatshabalalisa ngonogumbe abo bantu bangakhathalele Thixo. Abantu abasindayo nguNowa, umshumayeli wobulungisa, kunye nabanye abasixhenxe.

6 Iidolophu zaseSodom naseGomora uThixo wazigweba wazitshabalalisa; ewe, wazitshisa zaluthuthu, khon' ukuze zibe ngumzekelo kumaxesha azayo, kwabo bangamthobeliyo uThixo.

7-8 Kambe ke wamsindisa uLothe indoda eyayinembeko. Kaloku elo lunga lomfo lalingonwabanga phakathi kwabo bantu bangakhathalele mthetho, bengaloyiki nehlazo. Ewe, amanyundululu awayewabona, eweva mihla le, ayemngcungcuthekisa.

9 Kodwa ke iNkosi iyabahlangula ezilingweni abantu abayithobelayo. Ke bona abangayithobeliyo ibagcinele ukubohlwaya ngomhla womgwebo;

10 ngakumbi ke abo baqweqwediswa ziinkanuko zokungcola, bedela noomagunya.Aba bafundisi ngoodelihlazo abakhukhumeleyo; abanambeko, futhi bayazingcikiva nezithwala-ndwe zaphezulu.

11 Kanti ke nezithunywa zezulu nakuba zingaphezulu nje kubo ngamandla namagunya, azibenyelisi xa zibamangalela eNkosini.

12 Aba bantu bafana nezilwanyana zasendle, zona zizalwa zibe ngoomabonwabulawe. Bayazenyelisa izinto abangaziqondiyo. Nabo baya kutshabalala njengezilwanyana.

13 Ewe, isikhuni siya kubuya nomkhwezeli. Ngakwicala leziyolo namanyala bangooncanyelweni. Bayawaxabhela amatheko enu ngokuhlala nani nitye kunye. Kaloku abasenakuzinceda ngobundlobongela nenkohliso.

14 Basoloko becel' amehlo kubafazi abangenazimo. Amehlo abo asoloko elambele ukona. Bayabathiyela bababambise abantu abangaqondiyo. Ukunyoluka ngumkhwa abawaziyo; kambe ke baphantsi kwesiqalekiso!

15 Bayilahlile eyona ndlela, baza bahola. Bona bahamba ngendlela kaBhalam unyana kaBhehore owakhetha ukona, khon' ukuze azuze imali;

16 nto leyo yenza ukuba akhalinyelwe. Ewe, kaloku idonki yathetha ngelizwi lomntu ukugxotha ububhanxa baloo mshumayeli.

17 Aba bafundisi bafana nemithombo engampompozi manzi; bafana namafu aqhutywa luqhwithela. Indawo abalungiselelwe yona sisithokothoko senzonzobila.

18 Banamabhongo, futhi bathetha amazwi aphuthileyo, baze bathi ngemikhuba yabo yokuzibhubhisa beyelisele abantu abangekaphuncuki kakuhle kwiindlela ezigwenxa.

19 Babathembisa inkululeko, kodwa bona ngokwabo basabopheleleke kwimikhwa yokuzibhubhisa. Kaloku umntu uba likhoboka layo nayiphi na into angalumlekiyo kuyo.

20 Ukuba abantu bathe ngokwazana neNkosi yethu uYesu Krestu baphuncuka kwizidyobho zehlabathi, baze baphinde babuyele kwakuzo zibakhoboze, isiphelo sabo sibi kunesiqalo.

21 Ngekubhetele ukuba babengayazanga eyona ndlela, kunokuba bathi sebeyifumene bajike, bawulahle umyalelo kaThixo ababewunikiwe.

22 Kwabanjalo ke liyinene iqhalo elithi: “Inja ibuyele umhlanzo wayo; ihagu ehlanjiweyo ibuye yazityikitya eludakeni.”

kwizahluko

1 2 3