12 Kodwa wonke umntu uthetha kakuhle ngoDemetriyo. Inyaniso iyacaca ngaye. Nam ndiyayingqina loo nto, yaye uyazi ukuba andixoki.
13 Zininzi izinto endifuna ukukuxelela zona, kodwa andithandi kuzibhala.
14 Ndinqwenela ukukubona kwakamsinya, khon' ukuze sithethe ubuso ngobuso.
15 Uxolo malube nawe.Bayabulisa bonke oogxa bakho. Nawe bulisa kubahlobo bam bonke ngabanye.