1 Kubhala mna Pawulos, umbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, ndikunye noTimoti umlingane wam. Ndibhalela wena mhlobo nogxa wam, Filmon,
2 kunye nebandla elihlangana endlwini yakho, nodade uApiya, ngokunjalo nogxa wam uArkipo.
3 Wanga uThixo uBawo wethu kunye neNkosi uYesu Krestu anganibabala, aniphe uxolo.
4 Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho.