Kufilmon 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos, umbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, ndikunye noTimoti umlingane wam. Ndibhalela wena mhlobo nogxa wam, Filmon,

2 kunye nebandla elihlangana endlwini yakho, nodade uApiya, ngokunjalo nogxa wam uArkipo.

3 Wanga uThixo uBawo wethu kunye neNkosi uYesu Krestu anganibabala, aniphe uxolo.

Uthando nokholo lukaFilmon

4 Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho.

5 Ndiyivile kaloku indlela obathanda ngayo abantu bakaThixo, ngokunjalo nokholo onalo kwiNkosi uYesu.

6 Umthandazo wam kukuba ubudlelane bethu enkolweni bunga bungakwenza uziqonde ngcono iintsikelelo esinazo thina bamanywe noKrestu.

7 Ewe kambe, ndithathekile ndaye ndinemihlali ngenxa yothando onalo, mfondini; kaloku abantu bakaThixo bayahlaziyeka bakuhlangana nawe.

Isicelo mayela no-Onesimo

8 Ngoku ke, nakuba bendingaba nesibindi, nanjengamntu umanywe noKrestu, sokuba ndikunyanzele ngento ofanelwe kukuyenza,

9 kodwa imfobe yothando iyandinyanzela ukuba ndikubongoze. Ewe, mna kanye Pawulos, ndilixhego nje ngoku, futhi ndikwangumbanjwa ngenxa kaYesu Krestu,

10 ndiyakubongoza ngenxa kaOnesimo, unyana wam endimzele ngokomoya, ngoku ndilapha entolongweni.

11 Kambe ebekade engento konke kuwe, kodwa ngoku uxabisekile kuwe nakum.

12 Ngoku ke nanko ndimthumela kwakuwe. Kambe ke xa wamkela yena, wamkela mna.

13 Bendingathandayo ukumgcina apha ngoku ndingumbanjwa, ukuze athathe indawo yakho ekundincediseni ukuvakalisa iindaba ezimnandi.

14 Kodwa andithandi ukuba ndenze nto ungavumanga; hayi, bendiya kuba ndiyakunyanzela ukuba wenze into entle, kungekuba kukholekile kuwe.

15 Mhlawumbi uOnesimo wahlukaniswa nawe okwethutyana, ukuze ubuye umzuze ningasazi kwahlukana.

16 Kaloku ngoku akaselokhoboka nje kuphela, ungaphezu kwekhoboka: ungumwethu othandekayo. Yaz'ba xa exabiseke kangaka nje kum, ubeke phi ke ukuxabiseka kuwe! Akaselokhoboka nje kuphela, ukwangumwethu omanywe neNkosi!

17 Ngoku ke, nanjengamntu undithatha njengesihlobo, naye ke mamkele kwangalaa ndlela ubuya kundamkela ngayo nam.

18 Ukuba ke kukho nto awakona ngayo okanye kukho nto akutyala yona, libalele kum elo tyala.

19 Ukukuqinisekisa ndibhala ngokwam, ndithi: Ndim mna Pawulos oya kukubuyisela. Phofu ke akukho mfuneko yakuba ndikukhumbuze ukuba nawe lowo ungowam, ndinebango kuwe.

20 Ke, mfondini, ndiyakubongoza – kaloku sobabini simanywe noKrestu. Ngoko ke, velana nam kulo mbandela!

21 Ndibhala ndiqinisekile ukuba uza kuhlangabezana nayo iminqweno yam; ewe, ndiyazi ukuba usenokwenza nangaphezu kwesicelo sam.

22 Nantsi enye indawo: Nceda undilungiselele indawo yokuhlala apho, kuba ndinethemba lokuba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yenu, ndibuyele apho kuni.

23 Uyabulisa uEpafra ongumbanjwa ngenxa kaKrestu njengam;

24 ngokunjalo noMarko, uAristarko, uDemas, noLuka, abalingane bam.

25 Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

kwizahluko

1