Kumahebhere 1 XHO96

Isingeniso

1 Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli.

2 Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye.

3 Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.

4 Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo.

UNyana mkhulu kunezithunywa

5 UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso:“UnguNyana wam wena,ndikuzele namhlanje;”engazange atsho nokuthi:“Ndiya kuba nguYise,yena abe nguNyana wam.”

6 Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi:“Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”

7 Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa:“Ulowenza imimoya izithunywa zakhe,nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe.”

8 Kodwa uthi mayela noNyana:“Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo!Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.

9 Ungumathand' ubulungisa,uyithiyile inkohlakalo.Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,uThixo wakho ukuthambisile.Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozelaesingaphezulu kwesoogxa bakho.”

10 Uphinda athi:“Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni;amazulu ênziwa zizandla zakho.

11 Xa zizonke ziya kudlula,kodwa wena uhlala uhleli;ziya kuguga njengeempahla.

12 Uya kuzisonga njengeengubo,zona ziya kutshintshwa njengesambatho;ube wena ungaguquki,ube wena ungagugi.”

13 UThixo zange atsho nakusinye isithunywa ukuthi:“Hlala ngakum kweli wongalo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”

14 Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13