Kumahebhere 3 XHO96

UYesu mkhulu kunoMosis

1 Ngoko ke, mawethu abiziweyo ayimilowo yendlu kaThixo, khanimjongisise uYesu lo simvumayo thina makholwa ukuba *ungumthunywa kaThixo kwanombingeleli wethu omkhulu.

2 Yena wathembeka kuThixo owammiselayo, kwanjengokuba noMosis wayethembekile endlwini kaThixo.

3 Kakade umakhi wendlu uzuza udumo kunendlu leyo ayakhileyo. Ngokunjalo ke noYesu uzuze udumo olungaphezulu kolukaMosis.

4 Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.

5 Ke yena uMosis wayethembekile endlwini kaThixo iphela, esisicaka esasimela ukwalatha izinto ezaziza kutyhilwa nguThixo.

6 Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.

Ukuphumla kwabantu bakaThixo

7 Kungoko ke noMoya oyiNgcwele atshoyo ukuthi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,

8 sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube entlango apho namlingayo uThixo.

9 ‘Apho bandivavanyayo bandilinga ooyihlo,’ utsho uThixo,‘nakuba yaba ngamashumi amane eminyaka beyibona imisebenzi yam.

10 Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:Basoloko besona;abaziqondi iindlela zam.

11 Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

12 Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.

13 Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono.

14 Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.

15 *IziBhalo xa zisithi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube,”

16 zibhekisa kubani? Ngoobani abo bevayo kodwa bagwilika? Kaloku ngabo babephuma eJiputa bekhokelwa nguMosis.

17 Ingoobani abo bamcaphukisayo iminyaka engamashumi amane uThixo? Ngokuqinisekileyo ngabo bonayo, abazidumbu zathi waca entlango.

18 Ngoobani abo wabafungelayo uThixo esithi abasoze bangene ekuphumleni kwakhe? Wayexela abo bamvukeláyo.

19 Siyabona ke ukuba ababanga nako ukungena kuba bengakholwa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13