Kumahebhere 12 XHO96

Ukunyamezela ingqeqesho

1 Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.

2 Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.

3 Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi.

4 Kuba kaloku kulo mzabalazo wokulwa isono anikazingisi kude kuphalale igazi.

5 Ngaba seniyilibele na indlela anikhuthaza ngayo uThixo ngokoonyana, esithi:“Nyana wam, sukuyidela ingqeqesho yeNkosi;futhi sukutyhafa yakukululeka.

6 Kuba iNkosi iyabaqeqesha abo ibathandayo,ize imohlwaye unyana owamkelekileyo kuyo.”

7 Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho. Kaloku uThixo uniphethe njengoonyana bakhe. Nakha nambona phi unyana ongaqeqeshwayo nguYise?

8 Ukuba ngaba aniqeqeshwa njengabo bonke oonyana, loo nto iya kuthetha ukuba aningabo oonyana ngenene, koko niyimigqakhwe.

9 Kaloku besifudula sinabo ootata apha emhlabeni, besiqeqesha, kodwa sibahlonipha. Kuyimfuneko ngakumbi ke ukuba simhloniphe ngentobeko lowo ungutata wethu ngokoMoya, khon' ukuze siphile.

10 Ootata bethu bona babesiqeqesha kangangoko, kodwa lilifutshane ixesha labo. Kambe ke yena uThixo, esiqeqesha nje, usilungiselela ukuba sibuxhamle ubungcwele bakhe.

11 Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.

Ingozi yokungaliphulaphuli ilizwi likaThixo

12 Ngoko ke dlamkani, zihlaziyeke iingalo ezinomkhinkqi namadolo anengevane.

13 Imizila yendlela yenu mayingabi goso, ukuze oqhwalelayo angenzakali, koko anyangeke.

14 Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

15 Lumkani kungabikho mntu uphulukana nalo ubabalo lukaThixo. Makungakhuli ngcambu yabubi inokuthi ibe yityhefu kwabaninzi.

16 Lumkani kungathi kanti kukho umntu olihilihili, okanye ophandl' apha njengoEsawu. Kaloku yena waphulukana nobuzibulo bakhe ngenxa yokutya.

17 Kananjalo niyazi ukuba kamva wathi efuna ukuyibanga intsikelelo akamkeleka. Ewe, wayeyifuna nangeenyembezi, kodwa akayizuzanga, kuba akazange alifumane ithuba lokuguquka.

18 Kambe nina anijongananga nanto iphathekayo njengamaSirayeli entabeni yeSinayi, eyayidangazela umlilo, inobumnyama obuzala isithokothoko, inoqhwithela,

19 nenzwinini yexilongo, nokuzongoma kwelizwi elabatsho bonke abalivayo bathi makungabi saphindwa kuthethwe nabo.

20 Kaloku barhwaqeliswa ngumyalelo othi: “Nesilwanyana esithe sasondela apho entabeni masikhandwe ngamatye sife.”

21 Lo mbono wawusoyikeka kangangokuba uMosis wavakala esithi: “Andoyiki ndiyagubha!”

22 Hayi kaloku, nina niphambi kwentaba iZiyon, nomzi kaThixo ophilayo, iJerusalem yaphezulu enamawaka-waka ezithunywa zezulu. Nifikile kwitheko

23 leenginginya yeendlalifa zikaThixo ezingabemi baphezulu. Ewe, niphambi koThixo ongumgwebi wabo bonke, naphambi koomoya bamalungisa asulungekileyo.

24 Nifikile kuYesu unozakuzaku womnqophiso omtsha. Ukuchitheka kwelakhe igazi kusiphathele izinto ezinkulu kunelika-Abheli.

25 Ngoko ke sanukuba neenkani: phulaphulani xa athethayo. Abo babeneenkani, bangazange baliphulaphule ilizwi elalibalumkisa emhlabeni, abasindanga esohlwayweni. Ngokungakumbi ke nathi asiyi kusinda ukuba sineenkani, asiliphulaphuli ilizwi lalowo usilumkisayo ezulwini.

26 Kambe ke ngelo xesha ilizwi lakhe lawugungqisa umhlaba, kodwa ngoku uthembise wathi: “Ndiya kuphinda, phofu ndingagungqisi umhlaba wodwa, koko nezulu ngenkqu.”

27 La mazwi athi “ndiya kuphinda” acacisa mhlophe ukuba izinto ezidaliweyo ziya kugungqiswa zisuswe, zize zithi izinto ezingagungqiyo zisale.

28 Ngoko ke masitsho ngongazenzisiyo umbulelo kuThixo, kuba kaloku siphantsi kombuso ongagungqiyo. Masidomboze simnqule ngendlela eya kumkholisa uThixo, simhlonela sinoloyiko.

29 Kaloku uThixo wethu ngumlilo olenyayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13