Kumahebhere 10 XHO96

1 Kaloku wona umthetho ngumazi wendlela ungayihambi; uzoba umfanekiso nje wezinto zokwenene ezizayo. Ngamadini awo aphindwa-phindwa minyaka le awukwazi ukubenza bafaneleke abo banqulayo.

2 Ukuba ubukwazi, amadini lawo ngekukudala ayekwa. Kaloku abo banqulayo ngebehlanjululwe kwaba kanye qha, baba nyulu, saphela nesazela ngesono.

3 Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le.

4 Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono.

5 UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni:“Wena akuwafuni amadini neminikelo,yiyo loo nto undilungiselele umzimba.

6 Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono;

7 ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”

8 Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho.

9 Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini.

10 Yile ntando kaThixo ke esenza nyulu; kaloku uYesu Krestu yena uzinikele kwaba kanye qwaba.

11 Wonke umbingeleli uma mihla le ephinda-phinda enikela amadini angenako ukuzisusa izono.

12 Kodwa uKrestu yena wenze umnikelo wamnye qha ngenxa yezono, waza waya kuhlala kwiwonga alinikwe nguThixo.

13 Ngoku ke ulinde khona ukuba ade uThixo amoyisele iintshaba zakhe.

14 Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo.

15 UMoya oyiNgcwele ungqina athi kuqala:

16 “ ‘Nangu umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla,’ itsho iNkosi:‘Ndiya kuyifaka ezintliziyweni zabo imithetho yam,ndiyishicilele ezingqondweni zabo imiyalelo yam.’ ”

17 “Uphinda athi:“Izono zabo, ngokunjalo nenkohlakalo yabo, ndiya kuyilibala.”

18 Zakuba zixolelwe ke izono akusafuneki minikelo ngenxa yazo.

Masisondele kuThixo

19 Ngoko ke, mawethu, igazi likaYesu lisikhulule ukuze singene kweyona ndawo ingcwele singenaloyiko.

20 Le ndlela asivulele yona intsha, futhi iyaphila, ihamba iphumele ngaphaya kwekhuselo, ndithetha umzimba wakhe.

21 Ngaphezu koko ke sinombingeleli omkhulu owongamele indlu kaThixo.

22 Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa.

23 Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

24 Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle.

25 Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

26 Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu.

27 Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo.

28 Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu.

29 Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo.

30 Kaloku siyamazi lowo wathi:“Impindezelo yeyam;ndim oya kubuyekeza.”Kwakhona uphinda athi:“INkosi iya kubagweba abantu bayo.”

31 Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo!

32 Ngoko ke yikhumbuleni imihla eyadlulayo. Kaloku nathi nakuvelelwa ngumsobomvu kaThixo nangena ebunzimeni obukhulu, phofu ke nalapho nazabalaza kwâkuko.

33 Nanidla ngokuba sesichengeni sengcikivo nokungcungcutheka, kanti nanide nizimisele ukuzibandakanya nâbo babephethwe kakubi.

34 Ewe kaloku, navelana nabo abo babesentolongweni; naloo nto yokohluthwa impahla yenu nayamkela ngovuyo, kuba nisazi ukuba nina ninento ebhetele eya kuhlala ihleli.

35 Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu.

36 Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe.

37 Kaloku zithi *iziBhalo:“Kusasele umzuzwana njeaze lowo uzayo afike, angalibazisi.

38 Kambe ke yena olungisayo uya kuphila ngokholo;kodwa ke ukuba uthe warhoxa, andiyi kumkhathalela.”

39 Phofu ke thina asingabo abo barhoxayo baze balahleke, koko singabo baya kudla ubomi kuba bethembele kuThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13