Kumahebhere 7 XHO96

Omnye umbingeleli onjengoMelkizedeki

1 UMelkizedekiNdum 110:4 lo ke wayengukumkani waseSalem, engumbingeleli kaThixo uPhezukonke. UAbraham wathi evela edabini apho wayoyise ookumkani, wadibana noMelkizedeki owasuka wamsikelela.

2 Ke yena uAbraham wamnika isishumi sawo onke amaxhoba. Eli gama linguMelkizedeki lithetha “ukumkani wobulungisa”. Kanti ke futhi ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi “ukumkani woxolo”.

3 UMelkizedeki lo ke akanayise nanina, namlibo wakuzalwa. Asaziwa isiqalo nesiphelo sobomi bakhe. Ufana noNyana kaThixo: uhlala engumbingeleli nanini-nanini.

4 Kucacile ke ukuba mkhulu, kuba nokhokho wethu uAbraham wanikela isishumi samaxhoba kuye.

5 Isizukulwana sikaLevi esingababingeleli siyagunyaziswa ngumthetho ukuba sithathe isishumi ebantwini, oko kukuthi kumawabo, nangona nawo ekwayinzala ka-Abraham.

6 UMelkizedeki akayiyo inzala kaLevi, kodwa nakuba kunjalo wathatha isishumi kuAbraham, waza wamsikelela; ngoko ke wasikelela umntu owanikwa izithembiso nguThixo.

7 Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo.

8 Ngokwesiko lababingeleli izishumi zithathwa ngabantu abafayo, kanti ke yena uMelkizedeki uthathe izishumi engongqinelwa *naziziBhalo ukuba ungophilayo.

9 Ngoko ke singatsho ukuthi uLevi, nakuba zinikwa yena nje izishumi, kodwa wanikela izishumi ngoAbraham.

10 Kuba kaloku wayesesesinqeni sika-Abraham, ukudibana kwabo noMelkizedeki.

11 AmaSirayeli ukunikwa kwawo umthetho wawusekelwe ngobubingeleli bakwaLevi. Ke, ukuba ababingeleli babaLevi babegqibelele, ngekungabangakho mfuneko yakuba kuvele mbingeleli wumbi, nokwenza ingumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki, ingelulo oluka-Aron.

12 Ngoko ke ukuguqulwa kobubingeleli kuveze imfuneko yokuba uguqulwe nomthetho.

13 Kaloku uYesu, lo kuthethwa ngaye apha, uphuma kwenye indlu, apho kungekho mntu wakha walungiselela eqongeni lamadini.

14 Iyaqondakala into yokuba iNkosi yethu yeyendlu kaJuda, ibe ke uMosis akazange ayikhankanye le ndlu malunga nobubingeleli.

15 Ngoku lo mcimbi ucaca ngakumbi, kuba kuvele mbingeleli wumbi ungowodidi lukaMelkizedeki.

16 Ububingeleli akabuzuzanga ngokwemigaqo nomthetho wabantu, koko ubufumene ngamandla obomi obungayi kuze bunqanyulwe.

17 Kaloku iziBhalo zithi: “Uya kuba ngumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki ohlala ehleli.”

18 Lowa wokuqala umthetho udedisiwe ngenxa yokuba ungenamandla, usoyiswa.

19 Umthetho kaMosis ubungakwazi kusulungekisa nto. Ngoku ke kuvezwe ithemba elingcono elisisondezayo kuThixo.

20 Ngaphezu koko, ngoku kukho nesifungo sikaThixo; ukanti akuzange kubekho sifungo ukumiselwa kwabanye ababingeleli.

21 Kodwa ke kulo mbingeleli unguYesu kwenziwa isifungo, njengoko zisithi iziBhalo:“Ifungile iNkosi, futhi ayiyi kujika:‘Ungumbingeleli ngonaphakade.’ ”

22 Ngoko ke uYesu usisiqinisekiso somnqophiso ongcono.

23 Ababingeleli bokuqala bona babemiselwa balandelelane, kuba kaloku babesifa, bengenako ukuhlala behleli emsebenzini wabo.

24 Kodwa bona obukaYesu ububingeleli abupheli, kuba yena uhlala ehleli ngonaphakade.

25 Esi sisizathu esibangela ukuba abe nako ukubasindisa ngokupheleleyo abo beza ngaye kuThixo, njengoko ehlala ehleli ebathethelela.

26 Ngoko ke uYesu ngoyena mbingeleli mkhulu ukwaziyo ukuhlangabezana nemeko yethu. Ungcwele, akanasici, enyulu; futhi wahlukanisiwe naboni, wanyuselwa ezulwini.

27 Yena akafani nabanye ababingeleli. Akukho mfuneko yakuba asondeze amadini mihla le, ngenxa yezono zakhe nangenxa yezono zabantu. Wasondeza idini kwaba kanye qwaba, ukuzinikela kwakhe.

28 Umthetho kaMosis wona umisela abantu ababuthathaka ukuba babe ngababingeleli abakhulu. Kodwa sona isithembiso sikaThixo esinesifungo – eso sifike emva komthetho – simisele uNyana ohlala esulungekile nanini nanini.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13