Kumahebhere 4 XHO96

1 Ngoko ke lumkani, hleze abanye benu baphoswe, kuba sisemi kaloku isithembiso sokungena ekuphumleni noThixo.

2 Kaloku nathi iindaba ezimnandi sizivile, kanye njengabo. Kodwa bona olu daba alubenzelanga nto, kuba abo baluvileyo abalwamkelanga ngokholo.

3 Kambe ke thina sikholwayo, singabo bangenayo koko kuphumla kuxelwayo xa kusithiwa:“Ndithe ke ngomsindo ndafunga ndathi:‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”Ke wona umsebenzi wakhe uThixo wayesele wawugqiba kwasekusekweni kwehlabathi.

4 Zixela loo nto ke iziBhalo xa zithetha ngomhla wesixhenxe zisithi: “UThixo waphumla ngomhla wesixhenxe akugqiba ukudala.”

5 Ndiyaphinda ndithi umxholo esithetha ngawo uthi: “Abasoze bangene ekuphumleni.”

6 Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo.

7 UThixo ke umise omnye u-“namhlanje.” Kaloku emva kweminyaka emininzi selesebenzisa uDavide; uthi:“Namhlanje nakuliva ilizwi lakhe,nize ningabi neenkani.”

8 Ke ukuba uYoshuwa wabafikisa ekuphumleni, ubengathini uThixo emva koko ukuthetha ngomnye umhla?

9 Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla.

10 Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe.

11 Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.

12 Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.

13 Akukho nto ifihlakeleyo kuye: yonke into imi ze phambi koThixo. Silindelwe kukwenza ingxelo kuye xa sisonke.

UYesu umbingeleli omkhulu

14 Ngoko ke, sinombingeleli omkhulu nje, uDabulamazulu, uYesu uNyana kaThixo, masibambelele nkqi kwesi sivumo sethu.

15 Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.

16 Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13