Kumahebhere 8 XHO96

UYesu umbingeleli womnqophiso omtsha

1 Nguwo lo ke umongo wentetho yam: Sinongako ke ukuba mkhulu umbingeleli, ohleli ewongeni kunye neNgangalala yezulu!

2 Ungena kweyona ingcwele indawo, intente eyakhiwe nguThixo, ingengabo abantu.

3 Wonke umbingeleli omkhulu umiselwe ukunikela izipho namadini. Nalo wethu umbingeleli umelwe kukuba nento ayinikelayo.

4 Ukuba ubelapha emhlabeni, ubengayi kuba ngumbingeleli konke. Kaloku apha bakho ababingeleli abanikela izipho ngokumiselwa ngumthetho kaMosis.

5 Phofu bona into abayenzayo ingumfuziselo nesithunzi nje sento yokwenene esezulwini. Wayexela loo nto uThixo ngamazwi awawabhekisa kuMosis, xa wayeza kwenza intente: “Qaphela ukuba yonke into uyenze ngokomzekelo owawuwuboniswe entabeni.”

6 Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.

7 Ukuba ubungenagxeke umnqophiso wokuqala, bekungayi kubakho mfuneko yokuba ithathwe ngomnye indawo yawo.

8 Kodwa ke uThixo uyabagxeka; uthi:“ ‘Kuza imihla,’ itsho iNkosi,‘apho ndiya kwenza umnqophiso omtsha namaSirayeli kunye nabantu bakwaJuda.

9 Ngumnqophiso ongayi kufana nondawenzela ooyise-mkhulu,mhla ndabakhokela ndibakhupha eJiputa.Bayidela imimiselo yomnqophiso,nam ke ndabafulathela,’ itsho iNkosi.

10 ‘Nguwo lo ke umnqophiso endiya kuwenza namaSirayeli kwimihla ezayo,’ itsho iNkosi:‘Ndoyifaka ezingqondweni zabo imiyalelo yam,ndiyishicilele ezintliziyweni zabo,ndibe nguThixo wabo,bona babe ngabantu bam.

11 Abayi kuba safundisana ngamelowo umntakwabo,elowo ummelwane wakhe,besithi: “Yazini iNkosi;”kuba bonke baya kundaziukususela koyena mncinanekuse koyena mkhulu.

12 Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.’ ”

13 Xa ke uThixo ethetha ngomnqophiso omtsha, loo nto ithetha ukuba uthi umnqophiso wokuqala ugugile, seluphelelwe, uza kutshitsha kwakamsinya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13