20 Umnqweno nethemba lam kukuba ndinganikezeli, kodwa ngamaxesha onke, ingakumbi ngoku, ndikhuthale, ukuze ubume bam bonke bunike isidima kuKrestu, ndiphila okanye ndifile.
21 Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.
22 Kodwa ke ukuba ukudla kwam ubomi kululutho, ndingakhetha ndithini?
23 Ndixakiwe. Ndiyakulangazelela ukufuduka ndiye kuKrestu, nto leyo ibhetele kakhulu.
24 Kodwa ngenxa yenu kubalulekile ngaphezulu ukuba ndidle ubomi.
25 Ngale yona into ndiqinisekile, futhi ndiyazi ukuba ndisaza kuphila. Ndisaza kuhlala ndinincede, niqhubele phambili, lukhule uvuyo nokholo lwenu.
26 Xa ndiphinde ndafika ke apho kuni noba nebhongo ngakumbi ngoYesu Krestu ngenxa yobukho bam.