Kwabasefilipi 4 XHO96

1 Ewe ke, mawethu, zihlobo zam ezithandekayo, andisanikhumbuli ngako! Kaloku niluvuyo nesithsaba sam; ngoko ke, bathandwa, zingisani njengabeNkosi.

Iziyalo

2 UYodiya benoSintike ndibacela ndibacenga-cenga ukuba babe moya mnye ebudlelaneni beNkosi.

3 Ewe, nawe mlingane wam, ndiyakubongoza ukuba uwalamle la makhosikazi, kuba nawo aba nenxaxheba kwimizamo yam yokuhambisa iindaba ezimnandi, enoKlemente nabanye oogxa bam abamagama abhaliweyo kumqulu wabaphilayo.

4 Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

5 Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.

6 Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo.

7 Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.

8 Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.

9 Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

Umbulelo

10 Ndimanyene neNkosi, yaye ndivuya gqitha kuba emva kwethuba elingaka kuphinde kwabalasela ukundikhathalela kwenu. Phofu kakade nanindikhathalele, koko niswele ithuba.

11 Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.

12 Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela.

13 Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.

14 Ngxatsho ke, intle into eniyenzileyo ngokundixhasa ezingxakini zam.

15 Yayinini nodwa kakade enandincedayo, bantu baseFilipi, njengoko nani nisazi. Kuwo onke amabandla ethu nini kuphela enanijongene neendleko kunye nengenelo yam kwamhla ndaqalisa ukuhambisa iindaba ezimnandi, ndisuka eMakedoni.

16 Naxa ndandiseTesalonika naphinda-phinda ukundithumela uncedo.

17 Asikuko nokuba ndincwase ukuba nindikhongoze izipho, nto nje ndijonge ukuba ibe nini abafumana inzuzo.

18 Ngoku sendifumene le mpahla ifike noEpafrodito, akukho nto ndingenayo. Nindixhase nangaphezu kokuba bendilindele. Ndiyifanisa nedini elivumba limnandi,umbingelelo owamkelekileyo nowanelisayo kuThixo.

19 Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.

20 Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.

Imibuliso

21 Ndibulisa kusapho lonke lukaThixo olumanywe noKrestu Yesu. Bayabulisa nabo abantu bakaThixo abalapha kunye nam,

22 nalo lonke usapho lukaThixo, ingakumbi abo bebhotwe *likaKhesare.

23 Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

kwizahluko

1 2 3 4