Kwabasekolose 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos, *umthunywa kaYesu owamiselwa ngentando kaThixo, ndikunye nomwethu uTimoti.

2 Ndibhalela usapho lukaThixo, amawethu athembekileyo aseKolose, amanyene noKrestu. Ndithi: Ngamana uThixo uBawo wethu wanenzela isisa, aniphe uxolo.

Umthandazo nombulelo

3 Asinilibali emithandazweni yethu, singalibali nokumbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Krestu,

4 oko sevayo ngokukholwa nokuzinikela kwenu kuKrestu Yesu, nangokuluthanda kwenu usapho lukaThixo.

5 Ewe, siyayibulela loo nto ngenxa yedinga eninalo kwaThixo, enaqala ukuva ngalo ngodaba lwenyaniso.

6 Olu daba luvakala elizweni liphela, luvelisa iziqhamo, lunwenwe kanye ngale ndlela lenze ngayo naphakathi kwenu ukususela mhla neva naziqonda njengoko zinjalo izibele zikaThixo.

7 Le nto nayiva ngoEpafra, umncedisi wethu othandekayo, osisicaka esithembekileyo sikaKrestu ngenxa yenu.

8 Nathi ke usibalisele ngothando aniphe lona uMoya.

9 Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya.

10 Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo.

11 Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo.

12 Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini.

13 Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda,

14 lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.

Umbongo kaKrestu

15 UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo;ingqalo nentloko yayo yonke indalo.

16 Iinto zonke zadalwa ngaye,ezulwini nasemhlabeni,ezibonakalayo nezingabonakaliyo.Zonke zivela kuye:ooziphathamandla namatshawe,oozilawuli noomagunya.UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela.

17 Iinto zonke zingekabikho, yena wayekho kade.Nto zonke ziyondelelana zilungelelane kuye.

18 Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.

19 UThixo uthandile ukuba aphuphume ubuThixo.

20 Yena ngulowo uThixo azixolelanise ngaye nehlabathi liphela;ewe, ngokuphalala kwegazi lakhe emnqamlezweniwazixolelanisa naye zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni.

UThixo udale imeko entsha

21 Benifudula ninxaxhile, kungekho buhlobo phakathi kwenu noThixo, ngenxa yemikhwa emibi enaniyenza, niyicinga nokuyicinga.

22 Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe.

23 Nani ke yithini ngcembe elukholweni, nimi ngxishi phezu kwesiseko senu, ningagungqiswa nto kwithemba eninalo ngenxa yeendaba ezimnandi. Zezi ndaba kanye ke uThixo andithume ukuba ndizivakalise, ezi zishunyayezwa uwonke-wonke phantsi kwelanga.

Inxaxheba kaPawulos emsebenzini kaKrestu

24 Kuyandonwabisa ukuhlupheka kwam ngenxa yenu. Kuba ngale ndlela ndithatha inxaxheba ngalo mzimba wam ubuthathaka ngokuzibandakanya neentlungu ezisilindeleyo zikaKrestu, ngenxa yomzimba wakhe, ibandla lakhe ke ukutsho.

25 Ndenziwe umlungiseleli webandla nguThixo ondinike olu xanduva ukuba ndiluthwale ngenxa yenu. Luxanduva lodaba lwakhe ekufuneke ndiluvakalise ngokupheleleyo.

26 Ndivakalisa loo mfihlelo yafihlwa mandulo kwizizukulwana ngezizukulwana. Kodwa ke ngoku ityhilwe kubantu bakaThixo.

27 Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo.

28 Ngoko ke sishumayela uKrestu eluntwini. Silumkisa sifundise wonke ubani ngamava esinawo, khon' ukuze sibanikele kuThixo bonke ngabanye befezekile ngokumanywa noKrestu.

29 Ndibila ndisoma ukufeza olu xanduva, ndisebenza ngamandla endiwaphiwa nguKrestu ongaphakathi kum.

kwizahluko

1 2 3 4