Kwabasekolose 4 XHO96

1 Nina basemagunyeni, izicaka zenu ziphatheni kakuhle, ngobulungisa. Ze nikhumbule ukuba nani nineNkosi esezulwini.

Iziyalo

2 Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.

3 Nam nindikhumbule emthandazweni, ukuze uThixo andivulele ithuba lokushumayela, ndivakalise udaba olungoKrestu obelukade lungaziwa mntu. Ndikhonkxiwe nje kaloku yiloo nto.

4 Ze nindithandazele ukuze ndiyithethe icace le mfihlelo, njengoko ndimelwe kukwenjenjalo.

5 Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo.

6 Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.

Umbuliso

7 Umwethu oyintanda, uTikiko okholekileyo, umncedi nogxa wam emsebenzini weNkosi, uza kunibalisela ngemeko yam apha.

8 Yiyo le nto ndimthumela kuni nje, ndifuna aze kunixelela ngempilo yethu, anivuselele.

9 Uza kuba ehamba no-Onesimo, ikholwa eliyintanda lakuni. Bonixelela ke zonke iindaba zalapha.

10 Uyanibulisa uAristarko ongumbanjwa kunye nam, kwanoMarko umzala kaBharnabha. (Beseniwufumene umyalezo ngaye, ngoko ke xa athe wafika mamkeleni azive esekhaya.)

11 NoYesu onguYusto uyabulisa. Ngâba kuphela kumakholwa amaJuda abândincedisáyo emsebenzini wokuvakalisa ulawulo lukaThixo. Futhi ke bayintuthuzelo kum.

12 Uyabulisa uEpafra, isicaka sikaKrestu Yesu, okwangowakuni. Uthe rhoqo ukunithandazela ukuba nime ningahexi, nikhule, nizinikele ngokupheleleyo ekwenzeni intando kaThixo.

13 Nam ndiyangqina ukuba akaphumli esebenzela nina nabaseLawodike nabantu baseHirapoli.

14 Nomhlobo wethu othandekayo ugqirha uLuka uyabulisa, ngokunjalo noDemas.

15 Ndibuliseleni kumawethu aseLawodike, nakuNimfa nebandla elo lihlanganela endlwini yakhe.

16 Xa seniyifundile le leta yigqithiseleni kwibandla laseLawodike, ifundwe nakhona. Ngokukwanjalo ke nani ze niyifunde laa leta yaseLawodike.

17 Gqithisani lo myalezo kuArkipo: “Nakanjani na, umsebenzi owawunikwa yiNkosi wenze ngokufezekileyo.”

18 Umbuliso lo ubhalwa ndim mna Pawulos. Khumbulani ukuba ndikhonkxiwe! Ubabalo lukaThixo malube nani.

kwizahluko

1 2 3 4